Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 14:22-26 Ibhayibhile (XHO96)

22. AmaSirayeli awela emhlabeni owomileyo, amanzi eziindonga ngapha nangapha.

23. Ke kaloku amaJiputa xa ewonke, neenqwelo kunye namahashe okumkani, axhabasha angena elwandle esukela amaSirayeli.

24. Ekuzeni kokusa uNdikhoyo ekwelo lifu neso sithatha somlilo wayijonga imikhosi yamaJiputa, yatsho yaphithizela.

25. Amavili eenqwelo amomana, baza baba ngathini abaqhubi zaxinga. AmaJiputa akhala athi: “UNdikhoyo uyawalwela amaSirayeli; masiwayeke sisabe.”

26. Ke kaloku uNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Yolula isandla sakho phezu kolwandle kwakhona, ukuze amanzi awagubungele amaJiputa kunye neenqwelo zawo.”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 14