Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 14:12-25 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ewe, sasitshilo kuwe sathi siyeke sibe ngamakhoboka amaJiputa. Bekubhetele ukuba sibe ngamakhoboka awo endaweni yokuba size kufela kule ntlango!”

13. Ke yena uMosis wathi kuwo: “Sanukoyika; qinani! Niza kubona; uNdikhoyo uza kunihlangula namhlanje! Ke wona la maJiputa niwabonayo namhlanje soze niphinde niwabone kwakhona!

14. Zolani nina; uNdikhoyo uza kunilwela!”

15. UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Sesani ke esi sikhalo nisenzayo? Yitsho amaSirayeli ahambele phambili.

16. Wena yolula ingalo yakho, uphakamise induku phezu kolwandle. Amanzi aya kuhlukana kubini, aze amaSirayeli awele ehamba emhlabeni owomileyo.

17. AmaJiputa ndiya kuwenza abe neenkani, atyhudise emva kwamaSirayeli. Ke mna olwam uloyiso luya kuqaqamba phezu kokumkani nemikhosi yakhe, ngokunjalo neenqwelo zakhe.

18. Ndiya kuthi ndakumoyisa ukumkani wamaJiputa nomkhosi wakhe, abantu bakhe batsho bandazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

19. Kwesi sithuba ke isithunywa sikaThixo esasiwakhokele amaSirayeli sajikela ngasemva salandela. Ngokunjalo nomqulu welifu owawuwakhokela

20. wajika wema phakathi kwamaSirayeli namaJiputa. Ilifu elo lasitha kwatsho kwasebusuku kumaJiputa, kodwa kwakukhanya kumaSirayeli. Loo nto ke yatsho ayabi nakuhlangana loo mikhosi mibini bonke obo busuku.

21. Ngenene ke uMosis wasolula isandla sakhe phezu kolwandle, waza uNdikhoyo wathumela umoya onzima wasempuma, walududula ulwandle, kwavela umhlaba owomileyo. Umoya lowo wabhudla ubusuku bonke, aza ahlukana kubini amanzi.

22. AmaSirayeli awela emhlabeni owomileyo, amanzi eziindonga ngapha nangapha.

23. Ke kaloku amaJiputa xa ewonke, neenqwelo kunye namahashe okumkani, axhabasha angena elwandle esukela amaSirayeli.

24. Ekuzeni kokusa uNdikhoyo ekwelo lifu neso sithatha somlilo wayijonga imikhosi yamaJiputa, yatsho yaphithizela.

25. Amavili eenqwelo amomana, baza baba ngathini abaqhubi zaxinga. AmaJiputa akhala athi: “UNdikhoyo uyawalwela amaSirayeli; masiwayeke sisabe.”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 14