Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 14:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi:

2. “Yitsho kumaSirayeli abuye umva, afike athi xha phambi kwePi-hahiroti phakathi kweMigdoli noLwandle oluBomvu ngaseBhali-zefon.

3. Yena ukumkani waseJiputa uza kucinga ukuba niyabhadula, nivalelwe yintlango.

4. Ndisaza kumqaqadekisa anisukele, ndize ndithi ndakumoyisa ndawonye nemikhosi yakhe ndizuze udumo. NamaJiputa aya kutsho aqonde ukuba ndinguNdikhoyo.” Okunene ke amaSirayeli enza ngokomyalelo lowo.

5. Ukumkani ndawonye namaphakathi akhe bathi, bakuva ukuba ngenene amaSirayeli emkile, bajibilika. Ewe, suka bazisola, bathi: “Besingenwe yini kakade, ukuze senze into enje? Bekutheni ukuze siwayeke amakhoboka ethu emke?”

6. Ngoko ke ukumkani waxhoba, wabopha iinqwelo zakhe zokulwa, waphuma nomkhosi wakhe.

7. Wakhupha nezona nqwelo zithembekileyo zimakhulu omathandathu, zibhexeshwa ziingqwayi-ngqwayi ezaziwayo. Akashiyanga nanye kwiinqwelo zaseJiputa.

8. UNdikhoyo wamenza waneenkani ukumkani waseJiputa, wawasukela amaSirayeli; aye wona phofu ehamba ngesibindi.

9. Yaphuma imikhosi yamaJiputa, yasukela ngeenqwelo zamahashe. Yayiziinqwelo nabeenyawo. Yabafumana bephumle ngakuLwandle oluBomvu, kufutshane nePi-hahiroti neBhali-zefon.

10. AmaSirayeli athi akubona umkhosi wokumkani waseJiputa ugaleleka, ankwantya, abhenela kuNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 14