UNdikhoyo wabathembisa ookhokho benu ukuba uya kubanika ilizwe lamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaHivi, namaJebhusi. Nakufika kwelo lizwe lihle liyinzwakazi, livuza ubisi nobusi, ze nenze isikhumbuzo ngawo wona lo mhla wale nyanga minyaka le.