Kaloku wathi ukumkani waseJiputa akungavumi ukusikhulula, uNdikhoyo wawabulala amazibulo abantu nawemfuyo kwelaseJiputa. Ngesi sizathu ke amazibulo angamaduna kwimfuyo ndenzela ngawo uNdikhoyo idini. Ke wona amazibulo oonyana ndiwakhulula ngokuwahlawulela.