Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 12:40-51 Ibhayibhile (XHO96)

40. KwelaseJiputa amaSirayeli ahlala iminyaka engamakhulu amane anamashumi amathathu.

41. Kwathi kanye ke ngosuku lokugqibela lokuphela kwaloo minyaka uhlanga lukaNdikhoyo lwaphuma eJiputa lungamabutho ngamabutho.

42. Ngenxa yokuba uNdikhoyo walinda ngobo busuku, elindele ukuwakhupha eJiputa, nangoku amaSirayeli anesiko lokulinda ngobu busuku, esenza isikhumbuzo sikaNdikhoyo.

43. *UNdikhoyo wabayalela uMosis noAron, wathi: “Nantsi imimiselo emaniyigqale xa kubhiyozelwa *iPasika: Umntu wolunye uhlanga akavumelekanga ukuba abe nenxaxheba.

44. Ke lona ikhoboka elithengiweyo livumelekile lakuba lalukile.

45. Umhambi okanye umqeshwa makangabi nanxaxheba.

46. Inyama leyo yotyelwa kuloo ndlu iphekelwe kuyo, kungàphunywa nayo phandle. Amathambo ayo makangakrotyozwa.

47. Lo msitho uya kubhiyozelwa ngamaSirayeli ephela.

48. Umngeneleli omi phakathi kwenu, xa enqwenela ukuthatha inxaxheba kulo msitho, makuqale koluswe onke amadoda kuloo ndlu yakhe. Xa kunjalo ke woba nelungelo njengabo bonke abomthonyama.

49. Umntu ongalukanga akanalungelo kuloo msitho, nokuba uyinzalewane okanye ngumngeneleli.”

50. AmaSirayeli ke ayithobela yonke loo miyalelo kaNdikhoyo kuMosis noAron.

51. Ngaloo mini kanye uNdikhoyo wawakhupha amaSirayeli eJiputa engamabutho ngamabutho.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 12