Amaphakathi kakumkani abhekisa kuye athi: “Yaz'ba kode kube nini na lo mfo elukhwembe-khwembe kuthi? Nceda, khulula aba bantu baye kukhonza uNdikhoyo uThixo wabo. Ngaba awukaqondi ukuba iJiputa itshabalele?”