Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 10:17-29 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ndicela uxolo ngesono sam; ndiyanibongoza, okwesi isihlandlo khaninditarhuzisele kuNdikhoyo uThixo wenu, ayisuse le ntshabalalo!”

18. Waphuma ke uMosis, waya kuthandaza uNdikhoyo.

19. UNdikhoyo ke wathumela umoya wasentshona, wazitshayela zonke iinkumbi, waya kuzeyelisela kuLwandle oluBomvu, akwasala nob' ibe nye inkumbi kwelaseJiputa.

20. Kambe ke uNdikhoyo wamqaqadekisa ukumkani waseJiputa, akavuma ukuwakhulula amaSirayeli.

21. Waphinda *uNdikhoyo wayalela uMosis ukuba aphakamisele isandla sakhe esibhakabhakeni, ukuze kubekho isithokothoko sobumnyama kulo lonke elaseJiputa, esatsho baziimpumputela abantu.

22. Wasiphakamisa ke uMosis isandla sakhe, kwaza kwakho isithokothoko sobumnyama esabetha kwathi thsu iintsuku ezintathu kulo lonke elaseJiputa.

23. Obo bumnyama ke batsho amaJiputa akabi nako nokubonana oku, engenako nokuphuma endlwini ezo ntsuku zontathu. Kanti ke kwisiphaluka samaSirayeli kwakukhanya.

24. Waza ke ukumkani wabiza uMosis, wathi kuye: “Ngoku ningahamba niye kukhonza uNdikhoyo kunye nabafazi nabantwana benu, nishiye imfuyo yenu kuphela.”

25. UMosis waphendula wathi: “Kofuneka ke usinike izinto esobingelela ngazo, ngokunjalo nezokwenzela uNdikhoyo uThixo wethu amadini atshiswayo.

26. Hayi bo! Asinakuyishiya imfuyo yethu; asinakushiya nob' ibe nye! Kaloku kufuneka sizikhethele ngokwethu leyo siza kuyisebenzisa xa sinqula uNdikhoyo uThixo wethu, ibe ke asinakuyazi esiza kubingelela ngayo side sifike apho siya khona.”

27. Kambe ke uNdikhoyo wamqaqadekisa ukumkani, akavuma ukubakhulula.

28. Ukumkani wamgxotha uMosis, wathi: “Phuma! Zichithe! Mandingaze ndiphinde ndikubone! Mhla ndakubona ndokucim' igama!”

29. UMosis waphendula wathi: “Uthethe kakuhle! Soze uphinde undibone!”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 10