Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 9:4-12 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ngenene ke uMosis wawaxelela amaSirayeli ngePasika,

5. aza ke ngolo rhatya lomhla weshumi elinesine, kuloo nyanga yokuqala ayibhiyozela khona apho kwintlango yeSinayi. Yonke into yaqhutywa ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.

6. Kanti ke kwabakho bantu bathile *babegqwaliswe kukuphatha isidumbu. Bona ke zange babe nako ukuthatha nxaxheba apho kuloo mbhiyozo ngaloo mini. Baya kuzixela kuMosis noAron,

7. bathi: “*Sinomlaza, kuba sichukumise isidumbu; kambe ke singathini ukuphoswa xa abanye benikela ngedini lePasika kuNdikhoyo?”

8. UMosis wathi: “Lindani ndide ndifumane ilizwi kuNdikhoyo.”

9. UNdikhoyo ke wathi kuMosis:

10. “Xelela amaSirayeli ukuba xa omnye wawo okanye intsapho igqwaliseke kukuphatha isidumbu, okanye ekude eluhambeni, usenako ukuwubhiyozela umhla wePasika.

11. Makawubhiyozele ngosuku lweshumi elinesine kwinyanga yesibini ngorhatya. Mawubhiyozelwe ngesonka esinganyuswanga nemifino ekrakrayo.

12. Oku kutya makungabekwa mbeko, namathambo enyama leyo angàkrotyozwa. Umhla lowo ke wobhiyozelwa ngokwemiqathango yawo.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 9