Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 8:18-26 Ibhayibhile (XHO96)

18. Kambe ke ngoku ndibanga abaLevi endaweni yamazibulo amaSirayeli;

19. abaLevi aba ndiwabeka phantsi koAron noonyana bakhe, bangumnikelo wamaSirayeli esibingelelweni, khon' ukuze babuse bangxengxeze, amaSirayeli angehlelwa sisibetho ebesingawehlelayo xa asondele esibingelelweni.”

20. Ngoko ke uMosis noAron nalo lonke ibandla lamaSirayeli babamisela babanikezela abaLevi ngokomlomo kaNdikhoyo.

21. AbaLevi bazicoca bahlamba neempahla zabo, waza ke uAron wabanikezela baba sisipho esiwanga-wangiswayo sikaNdikhoyo, waza wabahlambulula ngokuwacamagushela.

22. Mayela nabaLevi amaSirayeli alungisa konke ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis. Baba ke ngoko ngolu hlobo abaLevi bafikelele kwibanga lokubusa esibingelelweni phantsi koAron noonyana bakhe.

23. UNdikhoyo wanika uMosis

24. ummiselo othi: “Ixesha lokuqala komLevi ngamnye ukubusa esibingelelweni loba kuxa aneminyaka engamashumi amabini nantlanu,

25. aze aphumle xa anamashumi amahlanu.

26. Phofu ke angákhe aqhube encedisa oogxa bakhe, kodwa ke yena siqu engenamsebenzi uthe ngxishi. Nantso ke indlela baya kusebenza ngayo abaLevi.”

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 8