Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 6:16-25 Ibhayibhile (XHO96)

16. “Umbingeleli ke uya kuwathatha amaxhwane, awanikele uNdikhoyo, enze idini lesono nelitshiswayo.

17. Kwakhona ke uya kunikela inkunzi yegusha *kuNdikhoyo, ibe lidini lobudlelwana, ayidibanise nesaa sonka sisebhaskitini. Kananjalo ke uya kwenza nomnikelo weenkozo nowewayini.

18. Apho ke esangweni lesibingelelo ilolo elo liya kuzigugula iinwele zalo, ezo zibubungqina bokuzinikela kwalo kuNdikhoyo, lizifake apho kuloo mlilo wedini lobudlelwana.

19. “Emva koko umbingeleli makathathe umkhono ovuthiweyo wenkunzi yegusha, abuye athathe nesonka sibe sinye, nomqathane ngokunjalo phaya ebhaskitini, aze ke ezi zinto azinike ilolo elo ukuze lizibambe.

20. Kananjalo ke umbingeleli uya kuwanga-wangisa lo mnikelo uwonke, awenze umnikelo owodwa kuNdikhoyo. Lo mnikelo owodwa ngowombingeleli; yaye wongeza laa ncum nalaa mlenze wenkunzi yegusha usisabelo sombingeleli kakade. Emva koko ke ilolo likhululekile, lingayisela iwayini.”

21. Lo ke ngumthetho obhekiselele kwilolo likaNdikhoyo omelwe kukufezekiswa. Ngaphezu koko lisenokunikela kangangoko ngokuqhutywa yintliziyo.

22. *UNdikhoyo wathi uMosis,

23. makayalele uAron noonyana bakhe ukuba bathamsanqele amaSirayeli benjenje:

24. “Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,akulondoloze.

25. Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,usixhamle isisa sakhe.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 6