Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 35:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko *uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:

2. “Xelela amaSirayeli ukuba kuloo mihlaba ayinikiweyo makahlulele abaLevi iidolophu ezithile ndawonye namadlelo azingqongileyo.

3. Zona ke zoba zezabaLevi, bahlale kuzo. Ke wona amadlelo oba ngawemfuyo yabo.

4. Amadlelo makasuke kwiindonga zesixeko abhekele phaya isithuba esingamakhulu amane anamashumi amahlanu eemitha macala,

5. khon' ukuze ubekho ummandla olinganayo ongamakhulu asithoba eemitha ngapha nangapha, isixeko sona siphakathi.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 35