Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 30:7-16 Ibhayibhile (XHO96)

7. ke yena wathi akusiva umyeni wayo akathetha nto, isifungo eso okanye isithembiso sohlala siyibophile.

8. Kodwa ke ukuba ithe yakuva ngesi sifungo indoda yayo yasichasa eso sifungo okanye isithembiso, siya kuba sitshitshile; futhi ke xa kunjalo noNdikhoyo uya kuyixolela.

9. “Ke yena umhlolokazi okanye umfazi owahlukene nendoda yakhe, xa ethe wenza isithembiso okanye isifungo, uya kunyanzeleka ukuba asifezekise.

10. “Ke ukuba umfazi owendileyo wenze isithembiso okanye isifungo,

11. yaza yathi yakuyiva loo nto indoda yakhe ayathetha nto, ayasichasa eso sithembiso okanye isifungo, uya kunyanzeleka ukuba asifezekise.

12. Kambe ke ukuba ithe yakusiva eso sifungo indoda yakhe yasichasa, soba sitshitshisiwe eso sithembiso okanye isifungo, kuba kaloku indoda yakhe imalele ukuba asifezekise; ngoko ke noNdikhoyo uya kumxolela.

13. Indoda inelungelo lokusixhasa okanye isichithe isithembiso nokuba sisifungo esenziwe ngumfazi wayo.

14. Ukuba ke indoda leyo ithe yakuva ngeso sifungo yathatha ithuba ingathethi nto, yoba iyasixhasa eso sithembiso okanye isifungo azibophe ngaso umfazi wayo; ewe, yoba isixhasile xa ingathethanga nto yakuba ivile ngaso.

15. Phofu ke ukuba ithule yathula yajika ngengomso yasitshitshisa eso sifungo, ityala lokungafezekiswa kwaso loba semagxeni ayo.”

16. Nantso ke imimiselo eyanikwa uMosis nguNdikhoyo mayela nendoda nomfazi wayo, ngokunjalo mayela nentombi ekowayo.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 30