Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 3:2-22 Ibhayibhile (XHO96)

2. UAron wayenoonyana abane: uNadabhi omkhulu, uAbhihu, uElazare, noItamare.

3. Bona ke bathanjiswa bamiselwa baba ngababingeleli.

4. Kambe ke bona ooNadabhi noAbhihu bafela apho kwintlango yeSinayi, ngenxa yokuba benikele ngomlilo ongafanelekanga kuNdikhoyo. Babengekabi nabantwana, ngoko ke uElazare noItamare baba kumsebenzi wobubingeleli ngexesha lika-Aron.

5. *UNdikhoyo wathi kuMosis:

6. “Thatha indlu kaLevi, uyimisele ibe ngabaququzeleli bombingeleli uAron.

7. AbaLevi mabasebenze *esibingelelweni, bancedise ababingeleli, bamele ibandla lamaSirayeli liphela.

8. Mabajongane nazo zonke izixhobo ezisetyenziswa esibingelelweni, wonke umsebenzi bewenzela amaSirayeli ephela.

9. Kuphela umsebenzi wabaLevi kukuba ngabaququzeleli baka-Aron noonyana bakhe.

10. UAron noonyana bakhe bamisele basebenze ezobubingeleli; nabani na ke ongomnye ophatha impahla yesibingelelo uya kubulawa.”

11. UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:

12-13. “Ngoku abakwaLevi ndibathathile; ngabam. Ekuwabulaleni kwam amazibulo amaJiputa ndazibekela bucala izibulo ngalinye lamaSirayeli ndawonye nawemfuyo yawo. Ngoku ke, endaweni yamazibulo amaSirayeli, ndibanga abakwaLevi; ngabam nqo. NdinguNdikhoyo kaloku.”

14. Kwintlango yeSinayi *uNdikhoyo wathi kuMosis:

15. “Babale abaLevi ngokwezindlu nemizi yabo; ubhalise bonke abangamadoda, ukuqalela kubudala obuyinyanga enye nangaphezulu.”

16. Ke uMosis wayenza le nto.

17-20. ULevi ke wayenoonyana abathathu: uGershon, uKohati, noMerari. Ngabo ookhokho bezi zindlu zibizwa ngabo. UGershon yena waba noonyana ababini: uLibheni noShimeyi. Bona abakaKohati babebane: uAmram, uIzare, uHebron, noUziyeli. AbakwaMerari ke bona babebabini: uMali noMushi. Bona bangookhokho bezi zindlu zibizwa ngabo.

21. Indlu kaGershon ke imi ngemizi kaLibheni noShimeyi.

22. Bebonke ke abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu abâbhaliswáyo babengamawaka asixhenxe anamakhulu amahlanu.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 3