Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 28:22-31 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ngokunjalo ke makwenziwe idini lesono ngebhokhwe eliduna, khon' ukuze ibe ngumsitho wokucamagushela amaSirayeli.

23. La ke ongeza kwelaa dini litshiswayo lemihla ngemihla kusasa.

24. Kwangaloo ndlela ke, isithuba seentsuku ezisixhenxe, nikelani kuNdikhoyo idini lomlilo elivumba likholekileyo kuye. Eli ke longeza kwidini elitshiswayo lemihla ngemihla elihamba nomnikelo othululwayo.

25. Ke ngomhla wesixhenxe makube yintlanganiso eyodwa yokunqula, kungàsetyenzwa.”

26. “Iiveki ezisixhenxe emva *kwePasika ngosuku lokuqala kumsitho wesivuno xa ninikela ulibo oluziinkozo *kuNdikhoyo, makube yintlanganiso yokunqula, kungàsetyenzwa.

27. Makwenziwe idini elitshiswayo elivumba likholekileyo kuNdikhoyo: Yoba ziinkunzi zeenkomo eziselula zibe mbini, inkunzi yegusha, kunye nesixhenxe samaxhwane angamaduna, angenasiphako onke.

28. Makwenziwe umnikelo weenkozo ngomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma; iikhilogram ezintatu zohamba nenkunzi yenkomo, zize iikhilogram ezimbini zihambe nenkunzi yegusha;

29. ke yona ikhilogram ihambe nexhwane ngalinye.

30. Ngokunjalo ke makwenziwe idini lesono ngebhokhwe eliduna. Niya kucanyagushelwa ngaloo ndlela ke.

31. La ke, kunye nomnikelo othululwayo, ongeza idini elitshiswayo lemihla ngemihla ngokunjalo nedini leenkozo. Ngenene ezi zilwanyana mazingabi nasiphako.”

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 28