“Ekuqaleni kwenyanga nganye makwenzelwe *uNdikhoyo idini elitshiswayo: iinkunzi zeenkomo eziselula zibe mbini, inkunzi yegusha, isixhenxe samaxhwane angamaduna angenasiphako onke.