Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 26:56-65 Ibhayibhile (XHO96)

56. Ewe, ilifa elo liya kwabiwa ngamaqashiso kwimizi ebanzi nenganeno ngokunjalo.”

57. Nalu uludwe lwemizi yakwaLevi: amaGershon, amaKohati, namaMerari.

58. Kwinzala yayo kukho nale mizi: amaLibheni, amaHebron, amaMali, amaMushi, namaKora. UKohati nguyise ka-Amram

59. owathatha umLevikazi uJokobhedi owazalelwa eJiputa. Ke yena wazalela uAmram oonyana ababini, uAron noMosis, nentombi uMiriyam.

60. UAron wayenoonyana abane, uNadabhi, uAbhihu, uElazare, noItamare.

61. UNadabhi noAbhihu ke bona bafa ngokwenzela uNdikhoyo umlilo ongafanelekanga.

62. Ke bona abaLevi abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu baba ngamashumi amabini anantathu amawaka. Phofu ke bona baba noludwe lwabo bodwa, kuba zange banikwe mhlaba kwaSirayeli.

63. Le ke yimizi eyadweliswa nguMosis noElazare xa babesenza ubalo lwamaSirayeli kumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.

64. Kumadoda awayebalwe nguMosis noAron kwintlango yeSinayi, kubalo lokuqala, kwakungasekho nob' ibe nye.

65. Kaloku *uNdikhoyo wayethe onke aya kufela entlango, kusinde uKalebhi unyana kaJefune, noYoshuwa unyana kaNune. Nangoku ke kwaba njalo.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 26