Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 26:47-61 Ibhayibhile (XHO96)

47. Amadoda ale ndlu ke ayengamashumi amahlanu anantathu amawaka, namakhulu amane.

48. Indlu kaNafetali; imizi yayo: amaJazeli, amaGuni,

49. amaJezere, namaShilem.

50. Inani lamadoda ale ndlu yaba ngamashumi amane anesihlanu amawaka, namakhulu amane.

51. Lilonke inani lamaSirayeli angamadoda yaba ngamakhulu amathandathu ananye amawaka, namakhulu asixhenxe, anamashumi amathathu.

52. *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi:

53. “Umhlaba wahlulele le mizi ngokobubanzi bayo, ube lilifa layo.

54. Umzi obanzi ilifa lawo malibe likhulu, elomzi onganeno libe nganeno. Umzi ngamnye uya kufumana ilifa lawo ngokwenani lababhaliweyo.

55. Qiniseka ukuba umhlaba wahlulwa *ngamaqashiso. Isabelo somzi sohamba ngokobubanzi bawo.

56. Ewe, ilifa elo liya kwabiwa ngamaqashiso kwimizi ebanzi nenganeno ngokunjalo.”

57. Nalu uludwe lwemizi yakwaLevi: amaGershon, amaKohati, namaMerari.

58. Kwinzala yayo kukho nale mizi: amaLibheni, amaHebron, amaMali, amaMushi, namaKora. UKohati nguyise ka-Amram

59. owathatha umLevikazi uJokobhedi owazalelwa eJiputa. Ke yena wazalela uAmram oonyana ababini, uAron noMosis, nentombi uMiriyam.

60. UAron wayenoonyana abane, uNadabhi, uAbhihu, uElazare, noItamare.

61. UNadabhi noAbhihu ke bona bafa ngokwenzela uNdikhoyo umlilo ongafanelekanga.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 26