Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 25:8-18 Ibhayibhile (XHO96)

8. walandela loo ndoda naloo mfazi, wangena apho ententeni, wabinza ngomkhonto, wabadibanisa bobabini. Ngaloo ndlela ke ubhubhani owayephethe amaSirayeli wanqamka.

9. Kambe ke wayeselesube wabulala abantu abangamashumi amabini anane amawaka.

10. *UNdikhoyo wathi kuMosis:

11. “Ngenxa yale nto yenziwe nguPineyasi, umsindo wam uthothile ngakumaSirayeli. Kaloku yena ngenxa yenzondelelo yakhe usiphuhlisile isidima sam ebandleni, ndaza ke ngoko andalitshabalalisa.

12. Ngoko ke mxelele ukuba ndenza naye umnqophiso wobudlelwane.

13. Yena ngokunjalo nenzala yakhe boba ngababingeleli abangasoze bathini. Kaloku yena ube nekhwele ngoThixo wakhe, waza ke ngaloo ndlela wamngxengxezela uSirayeli.”

14. Igama lomSirayeli owabulawa kunye nomMidiyanikazi yayinguZimri, unyana kaSalu, inkulu yomzi othile kwindlu kaSimon.

15. Lona igama lomfazi lowo yayinguKozibhi. Uyise uZure wayeyinkosi yezindlu ezithile zamaMidiyani.

16. UNdikhoyo wathi kuMosis:

17. “AmaMidiyani ziintshaba zenu; watshabalaliseni,

18. kuba abonise ubutshaba kuni ngokunikhohlisa, nangenxa kaKozibhi owabulawa mhla ngobhubhani obangwe sisithwakumbe sasePehore.”

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 25