Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 23:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. UBhalam waxelela uBhalaki ukuba akhe amaqonga amadini apho abe sixhenxe, aze amzisele isixhenxe seenkunzi zeenkomo ngokunjalo nesixhenxe seenkunzi zeegusha.

2. UBhalaki wenza ngokomyalelo lowo, baza ke noBhalam banikela inkunzi yenkomo neyegusha kwiqonga ngalinye.

3. UBhalam ke washiya uBhalaki kuloo ndawo, wathi kuye: “Yima ngakweli dini litshiswayo, ngeli lixa mna ndiza kukhe ndithi gu. Mhlawumbi *uNdikhoyo uza kudibana nam. Ndiya kukwazisa nasiphi na isityhilelo andinika sona.” Wahamba ke, wenyuka inkqantosi yenduli.

4. UThixo ke wadibana naye, uBhalam wathi: “Ndakhe amaqonga asixhenxe; kulo ngalinye ndenze idini ngenkunzi yenkomo neyegusha.”

5. UNdikhoyo ke waxelela uBhalam oko makakuthethe, wathi: “Buyela kuBhalaki, umazise oku.”

6. Ekubuyeni kwakhe ke wamfumana uBhalaki esemi apho ngakwidini elitshiswayo, enezo nkokheli zamaMowabhi.

7. UBhalam ke wathetha la mazwi andilisekileyo, wenjenje:“Ukumkani uBhalaki wamaMowabhi undisuse kwelama-Aram;undiphuthume kwiintaba ezisempumalanga.Uthe: ‘Yiza ushwabulele uYakobi egameni lam.Yiza kaloku, umqalekise uSirayeli.’

8. Xa bendingubani ke mna ukuba ndiqalekise ongaqalekiswanga nguThixo,ndambathise ngeshwangusha ongashwatyulelwanga nguNdikhoyo?

9. Kaloku nanko ndimbona ndisencochoyini yeentaba;nanko ndimbukele ndiphezu kweenduli.Ewe, luhlanga olungumth' uzimele;lona aluzibandakanyi nezinye izizwe.

10. Izizukulwana zikaYakobi yintlaninge njengentlabathi.Ngubani ke ongamcukucezayo ambale uSirayeli?Hayi bo! Masendisifa ukufa kwelungisa.Ewe, isiphelo sam masibe njengesabakhe.”

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 23