Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 22:25-30 Ibhayibhile (XHO96)

25. Idonki leyo ithe yakusibona isithunywa eso, yayama uthango olo, latsho lagruzuka unyawo lukaBhalam. Kwakhona uBhalam wayibetha idonki leyo.

26. Kwakhona isithunywa sahambela phambilana, safika sema apho indlela yayimxinwa kangangokuba kungabikho sithuba sakudlula ngapha nangapha.

27. Kwesi ke isihlandlo idonki ithe yakusibona isithunywa eso yalala phantsi. UBhalam wacaphuka, waza wayingena ngenduku idonki yakhe.

28. Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wayenza ukuba ikwazi ukuthetha idonki leyo, yaza ke yathetha yathi kuBhalam: “Kodwa kodwa ndikwenze ntoni? Yintoni kanye ondibethela yona kwezi zihlandlo zozithathu?”

29. UBhalam waphendula wathi: “Kungoba uyandibhanxa! Ndiswele nje ikrele, ngendikubulele.”

30. Idonki yaphendula yabuza yathi: “Andithi na kanene ndiyidonki yakho, le yasoloko ikuthwala bonke ubomi bakho? Ke, kukangaphi ndikuphatha ngolu hlobo?”UBhalam waphendula wathi: “Zange nakanye.”

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 22