*UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Ungaxhali wena; naye lo ndiza kumenza abe lixhoba lakho ndawonye nomkhosi nomhlaba wakhe. Qhuba kwangalaa ndlela wawenze ngayo kuSihon ukumkani wama-Amori owayehlala eHeshbhon.”