Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 18:4-17 Ibhayibhile (XHO96)

4. Umsebenzi wabo baya kuwufezekisa ngokuncedisana nani esibingelelweni, ke yena umntu ongomnye ongenalungelo angaze asebenze nanini esibingelelweni.

5. “Nini emanithwale uxanduva lokulungiselela egumbini eliyingcwele nakwiqonga lamadini, khon' ukuze uNdikhoyo angaphindi awavelele ngomsindo amaSirayeli.

6. Ndim ngokwam ozinyulele abanakwenu abaLevi kumaSirayeli. Basisipho kuni babingeleli, khon' ukuze benze imisebenzi esibingelelweni.

7. Nguwe noonyana bakho kuphela abanoxanduva lokulungiselela mayela neqonga lamadini ndawonye negumbi eliyingcwele kangcwele. Lo msebenzi wenu wobubingeleli sisipho enisinikwa ndim. Nabani na othe wasondela kwizinto ezingcwele engenalungelo wobulawa.”

8. *UNdikhoyo wathi kuAron: “Iminikelo eyenzelwa mna yolawulwa nguwe; yonke iminikelo eyenziwe ngamaSirayeli kum ndiyinika wena noonyana bakho ibe yinxaxheba nesabelo senu esisisigxina.

9. Inxaxheba yeminikelo engayi kutshiswa eqongeni yeyenu – nditsho yonke iminikelo eyodwa, nokuba yeyokutya, okanye yeyentlambululo, okanye yeyembuyekezo. Loo nxaxheba yeyakho noonyana bakho.

10. Ezi zinto ze niqonde ukuba zingcwele, nizityele endaweni engcwele, zityiwe ngamadoda kuphela.

11. “Nayiphi na eminye iminikelo enikelwa kum ngamaSirayeli yeyenu. Ndiyipha wena noonyana neentombi zakho, isisabelo senu esisisigxina. Yona ke yotyiwa nguye nabani na *ongenamlaza kwintsapho yakho.

12-13. “Ndikunika lonke ulibo lwezilimo oluziswa ngamaSirayeli kuNdikhoyo: amafutha omnquma, iwayini, nengqolowa. Zonke ke zoba zezakho, zityiwe ngabo bonke abangenamlaza kwintsapho yakho.

14. “Yonke into kwaSirayeli enikelwe kuNdikhoyo qwaba yeyakho.

15. Lonke izibulo, elomntu nelemfuyo, elinikelwa ngamaSirayeli kum, lelakho. Kodwa ke makahlawulelwe umntwana wamazibulo, nezibulo lesilwanyana esingàtyiwayo ngokunjalo.

16. Amazibulo makahlawulelwe xa anenyanga enye ezelwe, kukhutshwe ixabiso eliziingqekembe zesiliva ezintlanu ngokomlinganiselo ovunyiweyo.

17. Kambe ke amazibulo eenkomo, iigusha, neebhokhwe, wona akayi kuhlawulelwa. Wona ngakaNdikhoyo poqo; makenziwe idini. Igazi lazo makufefwe ngalo iqonga lamadini, amanqatha azo atshiswe abe lidini ngomlilo – dini elo livumba liyolileyo kuNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 18