Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 16:47-50 Ibhayibhile (XHO96)

47. Ngoko nangoko ke uAron wawuthobela umyalelo kaMosis, wawuthatha umcephe wakhe, wakhawuleza waya kungena phakathi kwebandla lamaSirayeli. Wathi akubona ukuba ubhubhani seleqalisile, wafaka isiqhumiso apho emalahleni, wawacamagushela amaSirayeli.

48. Wema phakathi kwabahleliyo nabafi, wanqamka ubhubhani lowo.

49. Ke kaloku abantu abafa ngeso sihlandlo sodwa yaba lishumi elinesine lamawaka anamakhulu asixhenxe, ngaphandle kwabo bafa mhla ngogwayimbo lukaKora.

50. Akuba enqamkile ke ubhubhani lowo, uAron wabuyela kuMosis esangweni lesibingelelo.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 16