Kambe ke uMosis noAron bakhahlela, bawa ngamadolo, badanduluka bathi: “Awu, Thixo, wena mthombo wobomi, kaloku kone umntu wamnye qha, ungathini ke ukusuka ulwe namaSirayeli ephela?”