Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 15:27-40 Ibhayibhile (XHO96)

27. “Xa umntu one ngempazamo, makenze idini lesono ngethokazi lebhokhwe elinyaka mnye.

28. Umbingeleli uya kumngxengxezela phambi koNdikhoyo loo mntu wone ngempazamo, aze ke axolelwe.

29. Koqhutywa ngaloo ndlela ke nakubani na owone ngokungaqondi, noba ngowomthonyama, okanye umngeneleli.

30. “Kambe ke yena umntu owone ngabom, engowomthonyama okanye umngeneleli, woba netyala lokunyelisa uNdikhoyo. Ngoko ke makabulawe,

31. kuba akalikhathalelanga ilizwi likaNdikhoyo, waza wawaphula umyalelo wakhe ngabom. Xa kunjalo ke woba uzenzakalise ngokwakhe.”

32. Ngamhla uthile amaSirayeli eselapho entlango kwabhaqwa umntu etheza *ngoMhla wokuPhumla.

33. Wabanjwa wasiwa kuMosis noAron nebandla liphela.

34. Waza wakhe wavalelwa, kuba ingekacaci into emayenziwe ngaye.

35. *UNdikhoyo ke wayalela uMosis, wathi: “Makabulawe! Ibandla liphela malimkhuphele ngaphandle komzi, limxulube ngamatye ade afe.”

36. Ngoko ke amaSirayeli ephela amkhuphela ngaphandle, amkhanda ngamatye wada wafa ngokomyalelo kaNdikhoyo.

37. *UNdikhoyo ke wathi uMosis

38. makathethe namaSirayeli, athi: “Nanini na fakani iintshinga kumasondo eempahla zenu. Intshinga nganye ke mayibe nomtya omzuba.

39. Ezo ntshinga zoba sisikhumbuzo, nize nithi maxa onke nizibona zitsho nikhumbule imiyalelo kaNdikhoyo niyithobele, khon' ukuze ningahendeki nibhaduliswe ziinkanuko zenu.

40. Zona ziya kuhlala zinikhumbuza ukuthobela imiyalelo yam; nize ke ngokwenjenjalo nibe libango lam ncam.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 15