Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 14:13-23 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ke yena uMosis waphendula wathi kuNdikhoyo: “Awu, Mhlekazi, koba yini amaJiputa akuyiva loo nto? Kaloku nguwe owakhupha aba bantu phakathi kwawo ngamandla akho.

14. Abemi beli lizwe sebezivile iindaba zokuba wena Ndikhoyo uhamba nawo amaSirayeli, abantu bakho, yaye ubonwa ngamehlo; futhi nelifu lakho lisoloko lijinga phezu kwawo. Bevile nokuba wena emini uwakhokela ngomqulu welifu, uze uwakhokele ngomlilo odangazelayo ebusuku.

15. Ngoko ke ukuba uyawatshabalalisa, ezi zizwe zivileyo ngodumo lwakho ziya kuthi

16. aba bantu bakho ubatshabalalisele kule ntlango kuba woyisiwe kukubasa kwelo lizwe wawubathembise ngalo ngesifungo.

17. Ndiyakubongoza ke ngoko, Mhlekazi, ukuba ukhe uphuhlise amandla akho ngokwelizwi lakho elithi:

18. ‘Mna Ndikhoyo andicaphuki msinya, koko ndiyimvuze-mvuze ngothando; futhi ndiyabaxolela abonayo nabakreqi. Kambe ke andibuyi ngamva ekubohlwayeni abanetyala. Ngenxa yesono sabazali abantwana ndibohlwaya ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana.’

19. Ngoko ke, camagu, lala ngenxeba, Mhlekazi! Khawenze ngokwezibele zothando lwakho olungaphele ndawo, ubuxolele ubugwenxa baba bantu. Njengoko wasoloko umana ubaxolela oko semkayo eJiputa, nakalokunje, Mhlekazi, makube chosi, kube hele!”

20. UNdikhoyo waphendula wathi: “Hayi ke, ndiyabaxolela ngokwesicelo sakho.

21. Kodwa ke ngenene ndiyafunga, ndikho nje, obam ubungangamsha buzalise ihlabathi jikelele.

22. Ngoko ke akukho nanye indoda kwaba bantu eya kufika kwelo lizwe. Kaloku babubonile ubukhazikhazi obuntama ukuba ndikho, ndawonye nemiqondiso endayenza eJiputa nakule ntlango; kodwa nakuba kunjalo bayaphindelela ukundivavanya, besala ukundithobela.

23. Soze athi cakatha kwelo lizwe ndathembisa ngalo ooyise ngesifungo. Soze bangene kulo bonke abandidelayo.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 14