Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 12:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kwangoko ke wajikela kuMosis, wambongoza wathi: “Camagu, nkosi yam! Ndiyakuthandaza; musa ukukhathazeka ngenxa yobutyhakala esibenzileyo.

12. Nqanda angade abe ngathi yinto ezelw' ifile selineenyama ezonakeleyo.”

13. Kwangoko ke uMosis wadanduluka kuNdikhoyo, wathi: “Camagu, Thixo wam, ndiyakubongoza, khawumphilise!”

14. UNdikhoyo waphendula wathi: “Andithi ebengáthi ekhe watshicelwa nguyise ebusweni anyeliseke iintsuku ezisixhenxe? Nangoku ke makakhutshelwe ngaphandle kwebandla lakwaSirayeli iintsuku ezisixhenxe; emva koko ke aphinde abuye.”

15. Ngenene ke uMiriyam wakhutshelwa ngaphandle komzi wamaSirayeli iintsuku zasixhenxe. AmaSirayeli ke akhe alinda apho kuloo ndawo wada uMiriyam wabuyiselwa.

16. Kamva ke anduluka apho eHazeroti, aya kugaleleka kwintlango yaseParan.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 12