Loo mini yonke ke, nobusuku bayo, nemini elandelayo, amaSirayeli aba zizingxada-ngxada eqokelela izagwityi. Nomntu owabutha kancinci akafumananga ngaphantsi kwewaka leekhilogram ubunzima. Ke inyama leyo ayeyiqwayita eyibeka ijikeleze izindlu zawo.