Koko ke yena uMosis waphendula wathi: “Ngaba uya ndikhweletela na? Ukuba bekuya ngam, uNdikhoyo nge-ebafaka uMoya wakhe bonke abantu bakhe, batsho babe ngabashumayeli bonke.”