Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 10:19-31 Ibhayibhile (XHO96)

19. Abendlu kaSimon bona bakhokelwa nguShelumiyeli, unyana kaZurishadayi;

20. baza abendlu kaGadi bakhokelwa nguEliyasafu, unyana kaDuweli.

21. Ke bona abaLevi bakwaKohati balandela bephethe ezingcwele zesibingelelo. Bathi befika apho kwakumiswe khona, saba isibingelelo sesimisiwe kwakhona.

22. Nabo abaphantsi kwembasa yendlu kaEfrayim banduluka, amabutho ngamabutho, bebhexeshwa nguElishama, unyana ka-Amihudi.

23. Kanti ke bona abendlu kaManase babephantsi kukaGamaliyeli, unyana kaPedazure;

24. baza abendlu kaBhenjamin bakhokelwa nguAbhidan, unyana kaGidiyoni.

25. Emva ke kwakungcambaza abo baphantsi kwembasa yendlu kaDan, bengamabutho ngamabutho, bebhexeshwa nguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi.

26. Bona abendlu ka-Ashere babekhokelwa nguPagiyeli, unyana kaOkran;

27. waza yena uAhira, unyana kaEnan, wakhokela indlu kaNafetali.

28. Nantso ke indlela owawusima ngayo umngcelele wamaSirayeli eluhambeni lwawo.

29. Ke kaloku uMosis wathetha noHobhabhi usibali wakhe ongunyana kaJetro waseMidiyan, wathi: “Ke ngoku, sibali, sekumbovu ukuba sinduluke sijonge ukuya kungena kwelo lizwe uNdikhoyo wathembisa ukusinika lona. Wasithembisa ukuba uSirayeli uya kuhluma. Ngoko ke hamba nathi, ukuze siyixhamle kunye loo nyhweba yenkqubela.”

30. UHobhabhi walandula wathi: “Hayi, andinako, sibali. Ndifuna ukuphindela kwelakowethu.”

31. UMosis wambongoza wathi: “Hayi kaloku, ungathini ukusishiya, inguwe nje oyaziyo le ntlango. Wena unako ukusikhokela, usibonise apho sifanele ukumisa khona.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 10