Testamente Endala

Testamente Entsha

Amava Engqondi 5:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lumka, ugqale ukunyathela kwakho xa usiya endlwini kaThixo. Xa usiya khona hamba ngeenjongo zokuphulaphula endaweni yokwenza amadini njengezityhakala ezingaziyo ukuba zenza ubugwenxa.

2. Qiqa phambi kokuba uthethe;musa ukungxama ukwenza izithembiso kuThixo.Kaloku yena usezulwini, ube ke wena ulapha emhlabeni;ngoko ke amazwi akho makabe mbalwa.

3. Ubuninzi bemicimbi bubanga amaphupha;ubuninzi bamazwi kuhamba nentetho yobutyhakala.

4. Xa wenze isifungo kuThixo, khawuleza usifezekise. Kaloku yena akavani nezityhakala; ngoko ke siphumelelise isifungo sakho.

5. Akunani kwaukungenzi sifungo kunokubhambathisa uze ungafezekisi.

6. Umlomo wakho mawungakukhokeleli esonweni, uze ke ube ubongoza isigidimi, usithi: “Ndiphazamile.” Ngani ukuba umkhathaze uThixo ngento oyithethileyo, ade atshabalalise umsebenzi wezandla zakho?

7. Intlaninge yamaphupha namazwi amaninzi ngamampunge. Kuphela hlonela uThixo!

8. Sukumangaliswa xa ubona abantu abahlelelekileyo becinezelwa, bengazelelelwa kummandla othile, bengenzelwa ubulungisa nokufanelekileyo. Kaloku igosa ngalinye livelelwa lelinye, aze ke xa ewomabini avelelwe ngamanye angentla kuwo.

9. Kambe ke ilizwe lilungelwa yinto yonke xa ukumkani enyamekela ukulinywa kwamasimi akhe.

funda isahluko epheleleyo Amava Engqondi 5