Testamente Endala

Testamente Entsha

Amava Engqondi 5:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lumka, ugqale ukunyathela kwakho xa usiya endlwini kaThixo. Xa usiya khona hamba ngeenjongo zokuphulaphula endaweni yokwenza amadini njengezityhakala ezingaziyo ukuba zenza ubugwenxa.

2. Qiqa phambi kokuba uthethe;musa ukungxama ukwenza izithembiso kuThixo.Kaloku yena usezulwini, ube ke wena ulapha emhlabeni;ngoko ke amazwi akho makabe mbalwa.

3. Ubuninzi bemicimbi bubanga amaphupha;ubuninzi bamazwi kuhamba nentetho yobutyhakala.

4. Xa wenze isifungo kuThixo, khawuleza usifezekise. Kaloku yena akavani nezityhakala; ngoko ke siphumelelise isifungo sakho.

5. Akunani kwaukungenzi sifungo kunokubhambathisa uze ungafezekisi.

6. Umlomo wakho mawungakukhokeleli esonweni, uze ke ube ubongoza isigidimi, usithi: “Ndiphazamile.” Ngani ukuba umkhathaze uThixo ngento oyithethileyo, ade atshabalalise umsebenzi wezandla zakho?

7. Intlaninge yamaphupha namazwi amaninzi ngamampunge. Kuphela hlonela uThixo!

8. Sukumangaliswa xa ubona abantu abahlelelekileyo becinezelwa, bengazelelelwa kummandla othile, bengenzelwa ubulungisa nokufanelekileyo. Kaloku igosa ngalinye livelelwa lelinye, aze ke xa ewomabini avelelwe ngamanye angentla kuwo.

9. Kambe ke ilizwe lilungelwa yinto yonke xa ukumkani enyamekela ukulinywa kwamasimi akhe.

10. Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.Nale ke into ngamampunge.

11. Yakukhula ingeniso bayanda nabaxhomekeke kuyo,ibe yintoni ke ezuzwa ngumniniyo?Kuphela uyitya ngamehlo!

12. Umntu ophangelayo ulala athi yoyi,noba utya kancinci, okanye ke uyahlutha.Ke bona ubunewu-newu besityebi busitsho siphuthelwe.

13. Apha phantsi kwelanga ndibone ububi obungcungcuthekisayo:umntu angaziqwebela ubutyebi, busuke benzakalise kwayena mnikazi wabo!

14. Omnye ke ufumba ubutyebi, alahlekelwe bubo ngenxa yentlekele,ze ke unyana ozelwe nguye angabi nanto ezandleni.

funda isahluko epheleleyo Amava Engqondi 5