Testamente Endala

Testamente Entsha

Amava Engqondi 3:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. Likho ixesha lokubulala,kanti likho nexesha lokunyanga.Ukuchitha kunexesha lako,nokwakha kunexesha lako.

4. Ukulila kunexesha lako,nokuhleka kunexesha lako.Likho ixesha lokuzila,likwakho nexesha lemihlali.

5. Ukusarhaza amatye kunexesha lako,nokuqokelela amatye kunexesha lako.Likho ixesha lokuwolana,likwakho nexesha lokuyeka ukuwolana.

6. Ukufuna kunexesha lako,nokuncama kunexesha lako.Ukugcina kunexesha lako,nokulahla kunexesha lako.

7. Likho ixesha lokukrazula,likwakho nexesha lokuthunga.Ukuthi cwaka kunexesha lako,kanti nokuthetha kunexesha lako.

8. Uthando lunexesha lalo,nokucaphukela kunexesha lako.Likho ixesha lemfazwe,kanti likwakho nexesha loxolo.

9. Umntu uzuza ntoni ke ngemizabalazo yakhe?

10. Ndilubonile uxanduva alunike uluntu uThixo.

11. Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni.

12. Ndifumanise ukuba akukho nto iyenye angayenzayo umntu ngaphandle kokuba ahlale onwabile, enze okulungileyo lo gama esaphila,

funda isahluko epheleleyo Amava Engqondi 3