Testamente Endala

Testamente Entsha

Amava Engqondi 12:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ewe, itsho iNgqondi ukuthi: “Ngamampunge akwampunge! Yonke into ngamampunge!”

9. Ke yona iNgqondi le ayibugcinanga nje ubulumko bayo, koko yathi rhoqo ukubaphakela abantu kubo. Yazikisa ukucinga, yenza uphando, yayila izafobe ezininzi.

10. INgqondi yazimisela ukufumana awona mazwi achanekileyo, inyaniso iyidandalazise njengoko injalo.

11. Amazwi ezilumko abukhali oku kwentonga enodalo, kanti ke yona ingqokelela yezafobe itshona lè oku kwesikhonkwane. Zizonke nje zivela kuThixo onguyena Malusi wethu sonke.

12. Ngaphezu koko, lutsha, nasi isilumkiso: Ukubhala iincwadi ezininzi yinto engaphele ndawo, kanti ke nokusoloko ufunda kuyawuqoba umzimba.

13. Ngoko ke ngoku nasi isishwankathelo salo mbandela: Mhlonele uThixo, uyithobele imimiselo yakhe, kuba oko luxanduva lomntu ngamnye.

funda isahluko epheleleyo Amava Engqondi 12