Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 9:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. *Umshumayeli uElisha wabiza omnye weqela labashumayeli, wathi kuye: “Finyeza iingubo zakho, uthathe eli qhaga linamafutha omnquma, uye eRamoti yaseGiliyadi.

2. Wakufika khona uze ukhangele uYehu unyana kaYoshafati unyana kaNimshi. Uze umthathe umke naye koogxa bakhe, ningene kwelona gumbi likude ngaphakathi.

3. Nakuba nilapho ke uze uthathe eli qhaga lamafutha omnquma, umthambise umgalele ngawo entloko, uthi: ‘Utsho *uNdikhoyo ukuthi: Ndiyakuthambisa ukuze ube ngukumkani wakwaSirayeli.’ Wakugqiba ke, vula umnyango, ubaleke umke ngokukhawuleza.”

4. Ngoko ke loo mfana ungumshumayeli waya eRamoti yaseGiliyadi.

5. Efikile ke khona wafumana iingqwayi-ngqwayi zomkhosi zihleli ndawonye. Wathi: “Ndinomyalezo wakho, njengele!”UYehu wabuza wathi: “Uxela bani kanye?”Ke yena waphendula wathi: “Nditsho wena, njengele.”

6. UYehu waphakama, wangena endlwini. Ke yena umshumayeli lowo wathatha iqhaga elo, wagalela uYehu ngamafutha entloko, wathi: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndiyakuthambisa ukuba ube ngukumkani wosapho lukaNdikhoyo, uSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 9