Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 7:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. UElisha waphendula wathi: “Phulaphula, nali ilizwi likaNdikhoyo! UNdikhoyo utsho ukuthi: ‘Malunga neli xesha ngomso iikhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa kananjalo neekhilogram ezintandathu zerhasi apha eSamariya zobe zithengiswa ngesiliva enye kuphela.’ ”

2. Ke iphakathi awayethembele ngalo ukumkani lathi apha kumfo wakwaThixo: “Unotshe! Soze yenzeke into enjalo, nditsho nokuba uNdikhoyo ebenokwenza iifestile ezulwini.”UElisha waphendula wathi: “Le nto ndiyithethayo uza kuyibona ngala wakho amehlo, kambe kona ukutya soze ukufake kuloo mlomo wakho!”

3. Ke kaloku esangweni lesixeko phaya kwakukho amadoda amane awayeneqhenqa. Athetha-thethana athi: “Ngani ukuba sihlale apha side sife?

4. Ukuba sithi: ‘Masingene esixekweni,’ yindlala yodwa khona, siya kufa. Noba singade sihlale apha, siza kufa. Ngoko ke masiwelele kwikampu yama-Aram, sizinikele kuwo. Ukuba asisindisile, sophila ke; ukuba kanti athe asibulala, sifile ke.”

5. Ngongcwalazi avuka aya ekampini yama-Aram. Athe esondela emacaleni ekampu yama-Aram lawo, kwaye kungabonakali nomntu lo.

6. Kaloku *uNdikhoyo ama-Aram lawo wawenza eva isandi seenqwelo namahashe, kwaba ngathi kuza umkhosi omkhulu. Ngoko ke athetha-thethana athi: “Niyabona ukumkani wakwaSirayeli uqeshe ookumkani bamaHiti nookumkani baseJiputa ukuze basihlasele.”

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 7