Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 6:17-27 Ibhayibhile (XHO96)

17. UElisha wathandaza wathi: “Ndikhoyo, khawuwavule amehlo akhe, ukuze abone.” UNdikhoyo ke wawavula amehlo esicaka eso, saza sathi sakukhangela sabona intaba inyakazela ngamahashe neenqwelo zomlilo, ziphahle uElisha.

18. Luthe xa luhlayo utshaba olo lusiza ngakuElisha, suka yena wathandaza kuNdikhoyo wathi: “Khawubethe aba bantu ngobumfama.”UNdikhoyo ke wabatsho baziimfama ngokwesicelo sikaElisha.

19. UElisha wathi kubo: “Ayisiso esi sixeko nisifunayo esi, ingeyiyo nendlela eya kuso le! Landelani mna, ndinise kuloo mntu nimfunayo.” Waza ke wabakhokelela eSamariya.

20. Bathe ke bakungena esixekweni, uElisha wathi: “Ndikhoyo, wavule amehlo aba bantu, babone.” Wawavula ke uNdikhoyo amehlo abo, bazibona ke ukuba baphakathi eSamariya.

21. Akubabona ukumkani wakwaSirayeli, wabuza kuElisha wathi: “Ndingabinza na, bawo? Uthini, uthi mandibabulale?”

22. Waphendula wathi uElisha: “Hayi, sukubabulala! Kaloku ukuba ububathimbe ngekrele nesaphetha ngewungababulali. Banike ukutya namanzi, batye basele, bagoduke baye enkosini yabo.”

23. Ngoko ke wabenzela isidlo esikhulu ukumkani, baza ke bathi bakugqiba ukutya nokusela wabandulula, babuyela enkosini yabo. Loo maqela ama-Aram ke atsho ayeka ukuhlasela ummandla wakwaSirayeli.

24. Mzuzwana emva koko uBhenadadi ukumkani wakwa-Aram wawuhlanganisa umkhosi wakhe uphela, waza waya kungqinga iSamariya.

25. Kwabakho indlala enkulu apho eSamariya. Ixesha lokunqingwa kwaso laba lide ngangokuba intloko yedonki yayithengiswa ngeesiliva ezimashumi asibhozo, ke wona amakhulu amabini eegram zobulongwe behobe bezithengiswa ngeesiliva ezintlanu.

26. Ukumkani wakwaSirayeli wathi egqitha ehamba eludongeni kwabakho umfazi okhalayo esithi: “Nceda, nceda, nkosi yam kumkani!”

27. Ukumkani waphendula wathi: “Xa ungenakuncedwa *nguNdikhoyo, uthi mna mandiluthathe phi uncedo? Esandeni okanye kwisixovulelo sewayini?”

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 6