Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 3:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYoram, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya kunyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaYoshafati ukumkani wakwaJuda, walawula iminyaka elishumi elinambini.

2. Ke kaloku wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; noko ke akadanga afike kumgangatho kayise nonina. Walisusa ilitye likaBhali, elo lalenziwe nguyise.

3. Kambe ke naye wabambelela kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo wayemlukuhlele kuzo uSirayeli; ewe, naye akashenxanga kuzo.

4. Ke kaloku uMesha ukumkani waseMowabhi wayefuye iigusha, erhuma kukumkani wakwaSirayeli ngekhulu lamawaka amatakane nangoboya beenkunzi zeegusha ezilikhulu lamawaka.

5. Kambe ke akuba engasekho ukumkani uAhabhi, ukumkani waseMowabhi wamgwilikela ukumkani wakwaSirayeli.

6. Ngoko ke ngelo thuba ukumkani uYoram waphuma eSamariya, wayiqokelela yonke imikhosi kaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 3