Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 24:9-18 Ibhayibhile (XHO96)

9. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengooyise.

10. Ngelo xesha ke iingqwayi-ngqwayi zomkhosi zikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli zahlasela iJerusalem zayingqinga,

11. waza ke nokumkani uNebhukadenezare weza ngokwakhe apho eJerusalem, ngoko ingqingiweyo ngumkhosi wakhe.

12. Ke ukumkani wakwaJuda uJoyakin kunye nonina, nezicaka zakhe, izikhulu namagosa akhe, bebonke bazinikezela kukumkani waseBhabheli.Ke kaloku kwathi kunyaka wesibhozo elawula ukumkani waseBhabheli wamthimba walibanjwa uJoyakin.

13. Ke kaloku ngokomlomo kaNdikhoyo uNebhukadenezare wabufudusa bonke ubutyebi endlwini kaNdikhoyo nakoovimba basebhotwe, wazinqunqa zonke ezo zinto zegolide ezazenzelwe indlu kaNdikhoyo ngukumkani uSolomon wakwaSirayeli.

14. Xa iyonke iJerusalem wayithimba: onke amaphakathi namadoda omkhosi, iingcibi namagcisa, bebonke yayilishumi lamawaka. Kuphela kwasala abona bantu bangamahlwempu kwaJuda.

15. UNebhukadenezare wathimba uJoyakin waya naye eBhabheli. Kananjalo wafudusela apho eBhabheli unina kakumkani, nabafazi bakakumkani, namagosa akhe, kunye namadoda aphambili elizweni.

16. Waya nawo eBhabheli wonke umkhosi – amawaka asixhenxe amadoda, nditsho amagorha, izinto ezilindele umayenzeke – kunye newaka leengcibi namagcisa.

17. Ke ukumkani waseBhabheli wamisela uMataniya uyisekazi kaJoyakin wangukumkani esikhundleni sikaJoyakin. Igama lakhe elo lona walijika wathi nguZedekiya.

18. Ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani uZedekiya wayeneminyaka emashumi mabini ananye, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Unina yayinguHamutali intombi kaJeremiya waseLibhena.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 24