Intsika ka-Ashera wayincothula endlwini kaNdikhoyo, wayisa kwintili yeKedron ngaphandle kweJerusalem, wayitshisela khona. Wayisila yaluthuli, waza olo thuli lwayo walusarhaza phezu kwamangcwaba abantu.