Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 23:23-29 Ibhayibhile (XHO96)

23. Kambe ke ngonyaka weshumi elinesibhozo kakumkani uJosiya yabhiyozelwa iPasika kaNdikhoyo eJerusalem.

24. Ngaphezu koko ke uJosiya wazibhangisa zonke izangoma namagqirha, nayo yonke imilonde-khaya nemifanekiso ezizithixo, nazo zonke izinto ezingamasikizi ezazifumaneka ezweni lakwaJuda naseJerusalem. Yonke ke loo nto wayenza efezekisa imiqathango yomthetho eyayibhalwe kuloo ncwadi yayifunyenwe ngumbingeleli uHilekiya endlwini kaNdikhoyo.

25. Ngaphambili nasemva kwakhe uJosiya wayengazange abekho, engaphindanga wakhona, ukumkani owayezinikezele kuNdikhoyo njengaye, loo nto eyenza ngomxhelo wakhe uphela, nangamandla akhe, njengoko usitsho umthetho kaMosis.

26. Nakuba kunjalo ke kodwa, yena uNdikhoyo akajikanga kwingcwangu yomsindo wakhe owawuvutha ngakuJuda, ngenxa yezinto awayemxhokonxe ngazo uManase.

27. Ngoko ke uNdikhoyo wathi: “Ndiza kumgxotha phambi kwam uJuda kwanjengoko ndenzayo kuSirayeli; ewe, ndoyibukula iJerusalem, isixeko endasinyulayo, nditsho nkqu nayo le ndlu endandithethe ngayo ndathi: ‘Lohlala kuyo igama lam.’ ”

28. Ke zona ezinye zeziganeko zolawulo lukaJosiya, nayo yonke imizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

29. Ke kaloku ngaloo mihla kakumkani uJosiya ukumkani waseJiputa uNeko wanyuka waya kuncedisa ukumkani waseAsiriya ngakumlambo iEfrati. Ukumkani uJosiya waphuma nomkhosi wakhe wamhlangabeza. Kodwa ke uNeko lowo wagagana naye eMegido, wamosela wafa.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 23