Wahamba waya endlwini *kaNdikhoyo kunye namadoda akwaJuda, nabantu baseJerusalem, ababingeleli nabashumayeli. Ewe, waqokelela umntu wonke, eqalela komncinci aye komdala. Wabafundela onke amazwi encwadi yomnqophiso, leyo yayifunyenwe endlwini kaNdikhoyo.