Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 22:14-18 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ke umbingeleli uHilekiya, noAhikam, uAkibho, uShafan, noAsaya, baya kuthetha nomshumayelikazi uHulda owayengumka-Shalum unyana kaTikiwa kaHarase, owayengumgcini wegumbi lezambatho. Yena wayehlala kwisithili sesibini eJerusalem.

15. Ke yena wathetha nabo wathi: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Mxeleleni loo mntu unithume kum nithi:

16. Utsho uNdikhoyo ukuthi: Niyabona, le ndawo ndiza kuyizisela isithwakumbe kunye nabantu bayo, ngokwamazwi onke abhaliweyo kule ncwadi ayifundileyo ukumkani wakwaJuda.

17. Kaloku bona bandilahlile, basuka benza iziqhumiso, besenzela thixo bambi, nto leyo iwuxhokonxileyo umsindo wam. Ewe, umsindo wam soze uthothe mayela neli lizwe; kaloku abantu balo basuke baxabisa imifanekiso abayenze ngezandla zabo.

18. Mxeleleni ukumkani wakwaJuda onithume ukuba nize kubuzisa kuNdikhoyo nithi: La ngamazwi athethwe nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngokunxulumene namazwi owevileyo.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 22