Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 21:22-26 Ibhayibhile (XHO96)

22. Wasuka wambukula uNdikhoyo uThixo wooyise, akahamba ngendlela yakhe.

23. Ke amaphakathi kakumkani uAmon amenzela iyelenqe, ambulalela kwakhe ebhotwe.

24. Bona ke abantu belo zwe bababulala bonke abo babenzele ukumkani uAmon iyelenqe, baza babeka unyana wakhe uJosiya wangukumkani esikhundleni sakhe.

25. Ezinye ke iziganeko zolawulo luka-Amon, nemisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

26. Wangcwatyelwa engcwabeni lakhe emyezweni kaUza. Unyana wakhe uJosiya waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 21