Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 21:20-25 Ibhayibhile (XHO96)

20. KwanjengoManase uyise naye wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo.

21. Yena wahamba ekhondweni likayise, akanxaxha; naye wanqula imifanekiso *yezithixo njengoyise, equbuda kuyo.

22. Wasuka wambukula uNdikhoyo uThixo wooyise, akahamba ngendlela yakhe.

23. Ke amaphakathi kakumkani uAmon amenzela iyelenqe, ambulalela kwakhe ebhotwe.

24. Bona ke abantu belo zwe bababulala bonke abo babenzele ukumkani uAmon iyelenqe, baza babeka unyana wakhe uJosiya wangukumkani esikhundleni sakhe.

25. Ezinye ke iziganeko zolawulo luka-Amon, nemisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 21