Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 21:15-26 Ibhayibhile (XHO96)

15. Kaloku wona asuke enza okubi emehlweni am, awuxhokonxa umsindo wam, nto leyo ke yenzeka kwamhla bâphuma ooyise eJiputa kude kube namhla.’ ”

16. Ngaphezu koko ke uManase waliphalaza gqitha igazi elingenatyala, eqalela kweli cala, athi xhaxhe kweliya icala leJerusalem; nangaphandle kwesono awalukuhlela amaJuda kuso ukuze enze okubi emehlweni kaNdikhoyo.

17. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaManase, nayo yonke imisebenzi yakhe ikunye neso sono sakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

18. Ke uManase waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa emyezweni wakhe apho ebhotwe – lowo ke ngumyezo kaUza. Unyana wakhe uAmon wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.

19. Ke kaloku uAmon wayeneminyaka emashumi mabini anambini ezelwe ukuqala kwakhe ukulawula, waza ke walawula iminyaka emibini eJerusalem. Unina yayinguMeshulemete intombi kaHaruze eYotebha.

20. KwanjengoManase uyise naye wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo.

21. Yena wahamba ekhondweni likayise, akanxaxha; naye wanqula imifanekiso *yezithixo njengoyise, equbuda kuyo.

22. Wasuka wambukula uNdikhoyo uThixo wooyise, akahamba ngendlela yakhe.

23. Ke amaphakathi kakumkani uAmon amenzela iyelenqe, ambulalela kwakhe ebhotwe.

24. Bona ke abantu belo zwe bababulala bonke abo babenzele ukumkani uAmon iyelenqe, baza babeka unyana wakhe uJosiya wangukumkani esikhundleni sakhe.

25. Ezinye ke iziganeko zolawulo luka-Amon, nemisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

26. Wangcwatyelwa engcwabeni lakhe emyezweni kaUza. Unyana wakhe uJosiya waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 21