Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 21:13-19 Ibhayibhile (XHO96)

13. Apha phezu kweJerusalem ndiza kuthoba isohlwayo esifana neso ndayohlwaya ngaso iSamariya kunye nendlu ka-Ahabhi. IJerusalem ndoyitshabalalisa ndiyibhukuqe oku komntu osula isitya aze asiphethule.

14. Ndosuka ndiwabukule amasalela alilifa lam; ewe, ndowanikezela ezandleni zeentshaba zawo. Aya kuxhatshazwa abhunculwe ziintshaba zawo.

15. Kaloku wona asuke enza okubi emehlweni am, awuxhokonxa umsindo wam, nto leyo ke yenzeka kwamhla bâphuma ooyise eJiputa kude kube namhla.’ ”

16. Ngaphezu koko ke uManase waliphalaza gqitha igazi elingenatyala, eqalela kweli cala, athi xhaxhe kweliya icala leJerusalem; nangaphandle kwesono awalukuhlela amaJuda kuso ukuze enze okubi emehlweni kaNdikhoyo.

17. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaManase, nayo yonke imisebenzi yakhe ikunye neso sono sakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

18. Ke uManase waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa emyezweni wakhe apho ebhotwe – lowo ke ngumyezo kaUza. Unyana wakhe uAmon wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.

19. Ke kaloku uAmon wayeneminyaka emashumi mabini anambini ezelwe ukuqala kwakhe ukulawula, waza ke walawula iminyaka emibini eJerusalem. Unina yayinguMeshulemete intombi kaHaruze eYotebha.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 21