Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 21:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. “UManase ukumkani wakwaJuda wenze izono ezilumezayo. Yena ubalasele ekwenzeni okubi kunawo nama-Amori awayelapho ngaphambi kwakhe. Ngale mifanekiso yakhe uJuda umlukuhlele esonweni.

12. Ngoko ke uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, utsho ukuthi: ‘Niyabona, iJerusalem ndawonye noJuda ndiza kuyithobela isithwakumbe esiya kubetha zithi nzwii iindlebe zakhe wonke umntu ophulaphuleyo.

13. Apha phezu kweJerusalem ndiza kuthoba isohlwayo esifana neso ndayohlwaya ngaso iSamariya kunye nendlu ka-Ahabhi. IJerusalem ndoyitshabalalisa ndiyibhukuqe oku komntu osula isitya aze asiphethule.

14. Ndosuka ndiwabukule amasalela alilifa lam; ewe, ndowanikezela ezandleni zeentshaba zawo. Aya kuxhatshazwa abhunculwe ziintshaba zawo.

15. Kaloku wona asuke enza okubi emehlweni am, awuxhokonxa umsindo wam, nto leyo ke yenzeka kwamhla bâphuma ooyise eJiputa kude kube namhla.’ ”

16. Ngaphezu koko ke uManase waliphalaza gqitha igazi elingenatyala, eqalela kweli cala, athi xhaxhe kweliya icala leJerusalem; nangaphandle kwesono awalukuhlela amaJuda kuso ukuze enze okubi emehlweni kaNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 21