Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 20:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngelo thuba ke ukumkani uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. *Umshumayeli uIsaya, unyana ka-Amozi, waya kumbona, waza wathi kuye: “*UNdikhoyo uthi: ‘Lungisa imicimbi yomzi wakho ime kakuhle, kuba uza kufa, awuzukuphila.’ ”

2. Ke uHezekiya wasuka wafulathela, wajonga eludongeni, wathandaza kuNdikhoyo wathi:

3. “Khumbula kaloku, Ndikhoyo, ukuba oko ndakunqulayo ndikukhonza ngentembeko nokunyaniseka, ndaba soloko ndihamba ngokomyalelo wakho.” Suka ke wangqukruleka kabuhlungu.

4. Uthe ke uIsaya engekaphumi kwindlu ephakathi, labe ilizwi likaNdikhoyo selifikile kuye. Lalisithi:

5. “Jika uxelele inkokheli yabantu bam uHezekiya, uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kukuphilisa. Ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku uya kuya endlwini kaNdikhoyo.

6. Ndiza kubongeza ngeminyaka elishumi elinesihlanu ubomi bakho. Futhi ndiza kukuhlangula wena kunye nesi sixeko kwisandla sokumkani waseAsiriya. Esi sixeko ndiza kusikhusela ngenxa yesidima segama lam nangenxa yesicaka sam uDavide.’ ”

7. UIsaya uqhube wathi: “Ithumba elo libekeleni ngentlama yomkhiwane.” Ngenene ke balibekela ithumba elo, waza ke waphila.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 20